Top Banner
24 April 2020 • Vol. 150 Issue: 010 Your newspaper, FREE OF CHARGE Oluhlelo olukhethekileyo lwephapha ndaba iGrocotts ngeNxibelelwano lwenzululwazi lixhaswe yi Rhodes University DSI/NRF South African Research Chair in Biotechnology Innovation and Engagement.Olushicileyo lukhankanya ulwazi lwezenzululwazi ngesifo sentsholongwane yecorona i-covid19 ukuze siqondwe ngcono kwaye ziqondwe neendlela zokuzikhusela kulobhubhane. Oluhlelo liziziphumo zentsebenziswano phakathi kwamasebe aseDyunivesithi iRhodes abenza iqela lonxibelelwano lwenzululwazi ngeCovid19 eRhodes: www.ru.ac.za/covidscicomm. Amalungu eliqela aquka abasebenzi nabafundi baseRUBIC- Icandelo lezinto ezintsha zobuxhaka-xhaka beBayoloji yaseRhodes, RUCE- Unxibelelwano loluntu lwaseDyunivesithi i-Rhodes, Isikolo seentatheli ne zifundo zeendaba, Icandelo lezifundo zamayeza kunye nonxibelelwano nempucuko.Oluhlelo luphinde lwaxhaswa ngabasebenzi baseKuran Trust (eIndiya) kunye neqela kwiinkonzo zempilo nezifundo zenana labemi (kwiKoleji i-Kings eLondon).Imibulelo siyidlulisa kwitoliki ezincedise ukuba oluhlelo nikwazi ukulifumana ngesibhulu,isingesi kunye nesixhosa eMakana. Sibulela abasebenzi bephepha ndaba iGrocotts’s kunye neMakana circle of Unity.Umbulelo obanzi siwenza kwimibutho nabantu abangumzekelo omhle wobuntu njengoko sisaqhubeka ukusebenzisana sizikhusela futhi sikhuselana. Ngoku na xa sele ummiselo wokuhlala ngedlu sele ugqithile,bonisa ukuba uyalukhathalela uluntu ngoku gcina imithetho yekuhlala ngendlu.Futhi siyacela ukuba ni: • Gcine umgama ongane 1.8 wemitha ebantwini(umgama obonakalayo) • Gcina izandla zicocekile ngoku zihlamba ngesepha namazi imizuzwana eyi20 • Nxiba imaski yakho yelaphu kwiindawo zikawonke-wonke Iphepha ndaba iGrocotts idibene neRMR 89.7fm ikuphathela indaba nokuhlaziya ngolwazi ngesifo iCovid 19.Mamela iRMR 89.7fm ngentsimbi 1.15pm ngolwesihlanu Guest editor Umhleli walomhlelo: uProfessor Janice Limson, weDSI/NRF South African Research Chair kwi Biotechnology Innovation & Engagement, kwiDyunivesithi iRhodes For more information on Covid-19 go to www.sacoronavirus.co.za MASINCEDISANE UGedore Birhanu, uDaniel Demeke kunye noMbulelo Lipile bafaka ukutya kumva webakkie kwisikhululo samapolisa saseRhini ngolwesithathu-kumhla we22 ku-Epreli. Amalungu lweqela loluntu lwase- Ethiopia lofuduka likhulise i-R60 000 yokuthenga iipasile zokutya zeentsapho ezingama-300 zaseMakhanda. Inkokheli uSammy Gechera ucacisile, ‘Njengabahlali sigqibe kwelokuba sifuna ukwenza inzame yokunciphisa ubunzima abantu baseMakhanda abahlangabezana nabo ngenxa yokuvalwa kwelizwe. Sigqibe kwelokuba sinikezele kokuncinci esinako ukunceda abantu’. Ngezizathu zokhuseleko, bapakishe balayisha iipasela zokutya kwisikhululo samapolisa saseRhini, kwaye baxhaswa ngabakwaSAPS njengoko bebethutha iipasile zokutya eziya kwiintsapho ezihluphekayo apha eRhini. Umfanekiso: Sue Maclennan By JANE VIEDGE N gelixa iSebe Lophuhliso Loluntu kunye namahlakani alo enza amalungiselelo ukuhambisa iipasile zokutya ezingama-250 000 kwilizwe liphela, abahlali baseMakhanda abangathathintweni bayaqhubeka nokuxhaswa ngezibonelelo zokutya zalapha engingqini. NgoLwesibini wale veki uMongameli u-Cyril Ramaphosa ubhengeze umyinge we R50bn yemali ezokuncedisa nokuqinisa iinzame zikarhulumente zokubonelela ngoncedo kubantu abahluphekileyo, abasweleyo kakhulu ngenxa yokuvalwa kwesizwe jikelele. ISebe Lophuhliso Loluntu lisebenzisana neNgxowa-mali yeSolidarity kunye nemibutho eyahlukeneyo engekho phantsi kukarhulumente ngeenjongo zokuhambisa iipasile zokutya ezingama-250 000 kwilizwe liphela kwiveki ezimbini ezizayo. Ngokweqela i-Afriacheck. org malunga namakhaya angama-400 aphila ngaphantsi komgangatho wentlupheko omalunga ne-R1000 ngenyanga, kumasipala waseMakana. Icandelo leSebe lwezeNtlalo noKhuseleko jikelele kwizwe uMzantsi Afrika (i-SASSA) lichithe uhlahlo-lwabiwo mali lokutya kwaye alizukuhambisa ngaphezulu komyinge we- 415 ukuzakutsho ngoku. Intloko ye-SASSA eMakhanda, uVuyelwa Wakashe, uxelele i-Grocotts ngoLwesine ukuba iSebe loPhuhliso loLuntu linendlela yokuzisa uncedo nangakumbi. NgoLwesine, xa bekunxityilelwane ngenzame zokufumana ulwazi oluthe vetshe malunga nokukhutshwa koncedo kubantu, isithethi sePhondo leSebe Lophuhliso Loluntu, uGcobani Maswana akakwazanga ukunika iinkcukacha eziqinisekileyo malunga nezicwangciso abazenzileyo njengoko zizakuququnjelwa ngolwesine. ‘Uhlahlo-lwabiwo mali lwethu oluqhelekileyo lwe-R5 M yezigidi alwanele, kwaye sifake isicelo senkxaso-mali engaphezulu kwiCandelo loLawulo-mali. Okwangoku asazi ukuba ingakanani imali engama-R50bn yengxowa mali yokunceda kwilizwe lonke.’ UMaswana uthi isebe ngoku lithetha-thethana namashishini afana nabathengisi ukuze baqalise inkqubo yeevawutsha. Kodwa isebe alinakukwenza oko lodwa. “Sizokuxhomekeka kwii-NGOs nakwamanye amaSamariya alungileyo ukuba aqhubeke nokusinceda ekondleni abahluphekayo, 'utshilo uMaswana. Ngaphandle kwesebe kunye neepasile zokutya zakwaSASSA, ukuzotsho ngoku kungumyinge we- 1500 osele esasazwe ngamavolontiya asekuhlaleni nemibutho. IGrocotts ithethe nezikimu ezingaphezu kweshlanu zokutyisa eMakhanda, apho uninzi lufikelele kwinqanaba labo lokusebenzela inani elikhulayo labantu abacela uncedo. Umasipala wendibano yokutyisa uluntu waseMakhanda i-Circle of Unity osekelwe mhla kuqala lo mmiselo wokuhlala ngendlu, unabantu abanga ma-1000 ezincwadini zabo. Ukuphela kwale veki, lendibano izakube yondle abantu aba-700. UNicci Hayes, okwikomiti yokwabiwa kokutya, uxelele iGrocotts: “Ndicinga ukuba ubukho bokutya yeyona nto siyifunayo ngokukhawuleza kwidolophu yethu ngoku. Ngelixa silindele amanyathelo okuncedwa kukarhulumente ukuba angenelele kwaye avume ukuba imeko yezonyango inokusongamela nanini na okusukela ngoku. Kodwa ngoku, namhlanje, abantu babulawa yindlala kwaye lomba suyakuwuqwalasela senze inzame zonke zokuwuphumeza ngelixesha silinikiweyo.“ UMaswana ubongoza abantu abanqwenela ukufaka izicelo zoncedo lokutya ukuba bathethe nabacebisi beewadi zabo, iinkokeli zecawe nabanye abazokwazisa iiKomiti eziDibeneyo zoKusebenza (JOC) zasengingqini. Abemi abangafumani zibonelelo banokundwendwela iSebe lezeNtlalontle okanye umnxeba uMnu L Bhesi kule nombolo 0609163502 okanye Nks S Adam kule nombolo 0832315061. Izikimu zokondla zalapha ekhaya zolulelwe imida, lothuba amawaka abantu abalambayo eMakana benethemba lokuba isiqabu esithenjiswe nguMongameli kule veki sizofika kungekudala. UJane Viedge wenza ingxelo Faka isicelo se-Food & Trees for Africa’s Seed and Seedling Support Programme Ukuhanjiswa kwepasile yokutya kudlala indima ebalulekileyo kweli lizwe ekulweni nokungondleki kodwa oku akunakubanalo uzinzo kwezemali kwilizwe liphela kwixesha eliphakathi ukuya kwelide. Umbutho ongajonganga nzuzo u-Food & Trees for Africa sele eqale imbewu yemifuno kunye nengxowa- mali yembewu. Le ngxowa-mali ijolise ekunikeni inkxaso kumafama amancinci, igadi zasekuhlaleni kunye namakhaya ukuze akhulise eyawo imifuno. Nawuphi na umphakathi, amakhaya neeprojekthi zinokufaka isicelo. Ngolwazi oluthe kratya okanye ukufaka isicelo kule nkqubo nceda uthumele i-imeyile [email protected] okanye undwendwele ku- https: https://trees.org.za
3

Unity.Umbulelo obanzi siwenza kwimibutho nabantu …€¦ · 24-04-2020  · Nks S Adam kule nombolo 0832315061. Izikimu zokondla zalapha ekhaya zolulelwe imida, lothuba amawaka abantu

Jul 26, 2020

Download

Documents

dariahiddleston
Welcome message from author
This document is posted to help you gain knowledge. Please leave a comment to let me know what you think about it! Share it to your friends and learn new things together.
Transcript
Page 1: Unity.Umbulelo obanzi siwenza kwimibutho nabantu …€¦ · 24-04-2020  · Nks S Adam kule nombolo 0832315061. Izikimu zokondla zalapha ekhaya zolulelwe imida, lothuba amawaka abantu

24 April 2020 • Vol. 150 Issue: 010

Your newspaper, FREE OF CHARGEOluhlelo olukhethekileyo lwephapha ndaba iGrocotts ngeNxibelelwano lwenzululwazi lixhaswe yi Rhodes University DSI/NRF South African Research Chair in Biotechnology Innovation and Engagement.Olushicileyo lukhankanya ulwazi lwezenzululwazi ngesifo sentsholongwane yecorona i-covid19 ukuze siqondwe ngcono kwaye ziqondwe neendlela zokuzikhusela kulobhubhane.Oluhlelo liziziphumo zentsebenziswano phakathi kwamasebe aseDyunivesithi iRhodes abenza iqela lonxibelelwano lwenzululwazi ngeCovid19 eRhodes: www.ru.ac.za/covidscicomm. Amalungu eliqela aquka abasebenzi nabafundi baseRUBIC- Icandelo lezinto ezintsha zobuxhaka-xhaka beBayoloji yaseRhodes, RUCE- Unxibelelwano loluntu lwaseDyunivesithi i-Rhodes, Isikolo seentatheli ne zifundo zeendaba, Icandelo lezifundo zamayeza kunye nonxibelelwano nempucuko.Oluhlelo luphinde lwaxhaswa ngabasebenzi baseKuran Trust (eIndiya) kunye neqela kwiinkonzo zempilo nezifundo zenana labemi (kwiKoleji i-Kings eLondon).Imibulelo siyidlulisa kwitoliki ezincedise ukuba oluhlelo nikwazi ukulifumana ngesibhulu,isingesi kunye nesixhosa eMakana.Sibulela abasebenzi bephepha ndaba iGrocotts’s kunye neMakana circle of Unity.Umbulelo obanzi siwenza kwimibutho nabantu abangumzekelo omhle wobuntu njengoko sisaqhubeka ukusebenzisana sizikhusela futhi sikhuselana.Ngoku na xa sele ummiselo wokuhlala ngedlu sele ugqithile,bonisa ukuba uyalukhathalela uluntu ngoku gcina imithetho yekuhlala ngendlu.Futhi siyacela

ukuba ni:• Gcine umgama ongane 1.8 wemitha ebantwini(umgama obonakalayo)• Gcina izandla zicocekile ngoku zihlamba ngesepha namazi imizuzwana eyi20• Nxiba imaski yakho yelaphu kwiindawo zikawonke-wonkeIphepha ndaba iGrocotts idibene neRMR 89.7fm ikuphathela indaba nokuhlaziya ngolwazi ngesifo iCovid 19.Mamela iRMR 89.7fm ngentsimbi 1.15pm ngolwesihlanu

Guest editorUmhleli walomhlelo: uProfessor Janice Limson, weDSI/NRF South

African Research Chair kwi Biotechnology Innovation & Engagement, kwiDyunivesithi iRhodes

For more information on Covid-19 go to www.sacoronavirus.co.za

MASINCEDISANE

UGedore Birhanu, uDaniel Demeke kunye noMbulelo Lipile bafaka ukutya kumva webakkie kwisikhululo samapolisa saseRhini ngolwesithathu-kumhla we22 ku-Epreli. Amalungu lweqela loluntu lwase-Ethiopia lofuduka likhulise i-R60 000 yokuthenga iipasile zokutya zeentsapho ezingama-300 zaseMakhanda. Inkokheli uSammy Gechera ucacisile, ‘Njengabahlali sigqibe kwelokuba sifuna ukwenza inzame yokunciphisa ubunzima abantu baseMakhanda abahlangabezana nabo ngenxa yokuvalwa kwelizwe. Sigqibe kwelokuba sinikezele kokuncinci esinako ukunceda abantu’. Ngezizathu zokhuseleko, bapakishe balayisha iipasela zokutya kwisikhululo samapolisa saseRhini, kwaye baxhaswa ngabakwaSAPS njengoko bebethutha iipasile zokutya eziya kwiintsapho ezihluphekayo apha eRhini.Umfanekiso: Sue Maclennan

By JANE VIEDGE

Ngelixa iSebe Lophuhliso Loluntu kunye namahlakani alo enza

amalungiselelo ukuhambisa iipasile zokutya ezingama-250 000 kwilizwe liphela, abahlali baseMakhanda abangathathintweni bayaqhubeka nokuxhaswa ngezibonelelo zokutya zalapha engingqini.

NgoLwesibini wale veki uMongameli u-Cyril Ramaphosa ubhengeze umyinge we R50bn yemali ezokuncedisa nokuqinisa iinzame zikarhulumente zokubonelela ngoncedo kubantu abahluphekileyo, abasweleyo kakhulu ngenxa yokuvalwa kwesizwe jikelele.

ISebe Lophuhliso Loluntu lisebenzisana neNgxowa-mali yeSolidarity kunye nemibutho eyahlukeneyo engekho phantsi kukarhulumente ngeenjongo zokuhambisa iipasile zokutya

ezingama-250 000 kwilizwe liphela kwiveki ezimbini ezizayo.

Ngokweqela i-Afriacheck.org malunga namakhaya angama-400 aphila ngaphantsi komgangatho wentlupheko omalunga ne-R1000 ngenyanga, kumasipala waseMakana.

Icandelo leSebe lwezeNtlalo noKhuseleko jikelele kwizwe uMzantsi Afrika (i-SASSA) lichithe uhlahlo-lwabiwo mali lokutya kwaye alizukuhambisa ngaphezulu komyinge we- 415 ukuzakutsho ngoku. Intloko ye-SASSA eMakhanda, uVuyelwa Wakashe, uxelele i-Grocotts ngoLwesine ukuba iSebe loPhuhliso loLuntu linendlela yokuzisa uncedo nangakumbi. NgoLwesine, xa bekunxityilelwane ngenzame zokufumana ulwazi oluthe vetshe malunga nokukhutshwa koncedo kubantu, isithethi sePhondo leSebe Lophuhliso

Loluntu, uGcobani Maswana akakwazanga ukunika iinkcukacha eziqinisekileyo malunga nezicwangciso abazenzileyo njengoko zizakuququnjelwa ngolwesine. ‘Uhlahlo-lwabiwo mali lwethu

oluqhelekileyo lwe-R5 M yezigidi alwanele, kwaye sifake isicelo senkxaso-mali engaphezulu kwiCandelo loLawulo-mali. Okwangoku asazi ukuba ingakanani imali engama-R50bn yengxowa mali yokunceda kwilizwe lonke.’

UMaswana uthi isebe ngoku lithetha-thethana namashishini afana nabathengisi ukuze baqalise inkqubo yeevawutsha.

Kodwa isebe alinakukwenza oko lodwa. “Sizokuxhomekeka kwii-NGOs nakwamanye amaSamariya alungileyo ukuba aqhubeke nokusinceda ekondleni abahluphekayo, 'utshilo uMaswana.

Ngaphandle kwesebe

kunye neepasile zokutya zakwaSASSA, ukuzotsho ngoku kungumyinge we-1500 osele esasazwe ngamavolontiya asekuhlaleni nemibutho. IGrocotts ithethe nezikimu ezingaphezu kweshlanu zokutyisa eMakhanda, apho uninzi lufikelele kwinqanaba labo lokusebenzela inani elikhulayo labantu abacela uncedo.

Umasipala wendibano yokutyisa uluntu waseMakhanda i-Circle of Unity osekelwe mhla kuqala lo mmiselo wokuhlala ngendlu, unabantu abanga ma-1000 ezincwadini zabo. Ukuphela kwale veki, lendibano izakube yondle abantu aba-700.

UNicci Hayes, okwikomiti yokwabiwa kokutya, uxelele iGrocotts: “Ndicinga ukuba ubukho bokutya yeyona nto siyifunayo ngokukhawuleza kwidolophu yethu ngoku. Ngelixa silindele

amanyathelo okuncedwa kukarhulumente ukuba angenelele kwaye avume ukuba imeko yezonyango inokusongamela nanini na okusukela ngoku. Kodwa ngoku, namhlanje, abantu babulawa yindlala kwaye lomba suyakuwuqwalasela senze inzame zonke zokuwuphumeza ngelixesha silinikiweyo.“

UMaswana ubongoza abantu abanqwenela ukufaka izicelo zoncedo lokutya ukuba bathethe nabacebisi beewadi zabo, iinkokeli zecawe nabanye abazokwazisa iiKomiti eziDibeneyo zoKusebenza (JOC) zasengingqini. Abemi abangafumani zibonelelo banokundwendwela iSebe lezeNtlalontle okanye umnxeba uMnu L Bhesi kule nombolo 0609163502 okanye Nks S Adam kule nombolo 0832315061.

Izikimu zokondla zalapha ekhaya zolulelwe imida, lothuba amawaka abantu abalambayo eMakana benethemba lokuba isiqabu esithenjiswe nguMongameli kule veki sizofika kungekudala. UJane Viedge wenza ingxelo

Faka isicelo se-Food & Trees for Africa’s Seed and Seedling Support ProgrammeUkuhanjiswa kwepasile yokutya kudlala indima ebalulekileyo kweli lizwe ekulweni nokungondleki kodwa oku akunakubanalo uzinzo kwezemali kwilizwe liphela kwixesha eliphakathi ukuya kwelide.

Umbutho ongajonganga nzuzo u-Food & Trees for Africa sele eqale imbewu yemifuno kunye nengxowa-mali yembewu.

Le ngxowa-mali ijolise ekunikeni inkxaso kumafama amancinci, igadi zasekuhlaleni kunye namakhaya ukuze akhulise eyawo imifuno.

Nawuphi na umphakathi, amakhaya neeprojekthi zinokufaka isicelo.

Ngolwazi oluthe kratya okanye ukufaka isicelo kule nkqubo nceda uthumele i-imeyile [email protected] okanye undwendwele ku-https: https://trees.org.za

Page 2: Unity.Umbulelo obanzi siwenza kwimibutho nabantu …€¦ · 24-04-2020  · Nks S Adam kule nombolo 0832315061. Izikimu zokondla zalapha ekhaya zolulelwe imida, lothuba amawaka abantu

2 COVID-19THESCIENCE COVID-19THESCIENCE 3

HOW TO SEW UNGAZITHUNGELA A FACE MASK NJANI IMASKI

SIZES: Small (22cm x 14cm) Medium (23cm x 15cm) Large(24cm x 16cm)

Place lining/t-shirting fabric facedown. Layer firstcotton piece right-side up. Then layersecond cotton pieceright-side down.

Cut 2 pieces of elastic 18-20cm depending on masksize. Pin the elastic inside the mask between the 2cotton layers (see pic below) 2cm from top &bottom edges.Alternatively, use 4 fabric ties (45cmeach).Sika imitya emibini enwebekayo engange 18-20cm,kuxhomekeke ngobukhulu bemaski oyenzayo. Bekaumtya orekayo phakathi kwamalaphu ekhothiningokuba kubonisiwe emfanekisiweni (jonga ngezantsi)uwubeke lomtya ukusuka kwi 2cm ngaphezulu ne2cmkongezantsi weekona zamalaphu. Kungenjalo,ungasebenzisa nemitya yelaphu emine (usike 45cmnganye)

Sew all the way around, leaving a 6cm gap on oneshort side. Clip corners. Turn mask inside out,through opening.It helps to iron each stage.Thunga uyokuma ekugqibeleni, ushiye umda ongage-6cm kwicala elinye elifutshane. Songa uthunge iikona.Jika imaski yakho ngaphakathi, nangaphandle.Kuzokufuneka uyi-Ayine kulo lonke inqanaba.

Topstitch all the way around,stitching down short side tokeep the pleats in place.Bamba ngaphezulu kuyo yonkeindawo, uthunge umzanzikwicala  elifutshane ukuze ugcineipliti endaweni yazo.

Yenza iimaski ezininzi kangangoko ukwaziukuze wabelane nabo bangenazo,sizokwazi  ukugcina iimaski ezifana nezi zeN95 zilungiselelwe abo basebenzangaphambili.

Gxothai-Covid-19

A RHODES UNIVERSITY

COMMUNITY ENGAGEMENT CAMPAIGN

TOGETHER WE CAN

Sika ilaphu njengokuba kubonisiwe kwiphephalokuqala, kwaye usike iziqwenga ezibini zekhotiniecwezwe ngokuqinileyo. Sika isiqwenga esinye esisukakwisikipa. UBUNGAKANANI BEMASKI: ENKULU (24CM X 16CM)ENKUDLWANA (23CM X 15CM) ENCINCI (22CM X14CM)

Make two pleats in maskand pin in place.Yenza imida emibinikwimaski  uyidibanisengendawo.

1.CUT FABRIC SIKA ILAPHU

2. PLACE FABRIC BEKA ILAPHU

3. PLACE ELASTIC SIKA IMITYA ENWEBEKAYO

4. SEW FACE MASK THUNGA IMASKI YOBUSO

5. MAKE FOLDS YENZA IMIDA EMIBINI 

7. #MASKSFORALL

6. TOPSTICH INDAWO EPHEZULU

Beka ilaphu olisikileyo lesikipa sijongise phantsingokubonisiweyo kumfanekiso. Kwezaziqwenge zibinizekhotini ubuzisikile, beka esiye ngecala eliye, ubekeelinye ngecala eligqwethekileyo.

Patt

ern

adap

ted

from

Cut out the patternand cut 2 piecestightly-woven cottonfabric. Cut 1 piecelining/t-shirtingfabric.

Make as many masks as possible to share with thosewho don’t have access to them and save the fancy N95masks for the front-line.

Ehlabathini lonke, oorhulumente neenzululwazi zithi ukunxitywa kwemaski kunako ukukukhusela xa uphandle.

Imaski ezikhoyo azinako ukonela wonke umntu ngoko abantu bayacetyiswa ukuba bazenzele imaski zelaphu emakhaya.

Ezi maski azikhuseli njenge maski ezisetyenziswa ngoogqirha nabomongikazi kodwa zinako

ukukukhusela kancinci. Sicela ulandele lemithetho

ilula yokunxiba imaski kakuhle.

1. Hlamba izandla phambi kokunxiba imaski2. Musa ukubambha umphambili wemaski xa uyinxiba okanye uyikhulula3. Imaski mayiqgume umlomo nempumlo4. Ukuba ubambhe ngempazamo umphambili

wemaski, hlamba uzandla ngokukhawulezileyo5. Musa ukuyehlisa imaski yakho ngaphandle koba ulungiselela uyikhulula6. Emveni koba uyikhulule, yihlambe uyomise kakuhle.7. Khumbula ukunxiba imaski yinxalenye yendlela ongazikhusela ngayoQhubeka ekuhlambeni izandla zakho nokuba unxibe izikhuseli zezandla (gloves).

Wonke ubani makanxibe imaski esidlangalaleni

NguSTEVEN LANGIntsholongwane i-corona iyingxenye yeevayirasi ezixhaphakileyo elizweni jikelele. Ukuba wawuke wanomkhuhlane okhatshwa ukukuvuza kwempumlo okanye umfinxano kunye nomqala obuhlungu, kungenzeka uba wawuke wasuleleka. Zininzi iintsholongwane zecorona ezosulela izilwanyane, kodwa zimbalwa kwezi ezinako okusulela abantu.

Lo bhubhane wentsholongwane i-corona yaziwa njengesifi esenza uxinezelelo lwemiphunga ethiywe ngokwasesinkweni ukuba yi ‘Severe Acute Respiratory Syndrome Coronavirus 2’ (SARS-CoV-2). Yiyo le ntsholongwane i-corona entsha edala isifo esibizwa ngokuba yiCOVID-19.

ICOVID-19 ifumaneka kumathontsi encindi yemiphunga okanye amathe womntu onayo xa ekhohlela, ethimla okanye ethethela ebusweni kumntu ongenayo le ntsholongwane. Abantu banako ukosuleleka ngokubambha iindawo ezincanyathelwe ngalamathontsi, ze baphinde babambhe amehlo, umlomo kunye nempumlo ngazo ezo zandla.Yiyolonto abantu bacetyiswa ukuba bahlambe izandla phambi koba babambhe ubuso okanye imaski.

Intsholongwane i-corona okanye iCovid-19

Ukuba unxiba izikhuseli zezandla xa usebenza, khumbula ukuba kuyafana nokuba usebenzisa izandla zakho. Izikhuseli zezandla kumele zihlanjisiswe xa, rhoqo ngesepha namanzi okanye ngesibulali- ntsholongwane sezandla (hand sanitizer) ukuze ubulale

ibhakteriya kunye ne vayirasi. Izikhuseli zezandla ezincanyathelwe yintsholongwane zinako ukukosulela ngentsholongwane ukuba

ubamba ubuso bakho. Izikhuseli zezandla zinako unwenwisa intsholongwane njenge zandla. Kumele sisebenzisane ukuze siphelise ukunwenwa kwale ntsholongwane. Zikhusele kwaye ukhusele nabanye.

Izikhuseli zezandla (ii-gloves) zinako ukunwenwisa iintsholongwane

Nabanina unako ukosuleleka yintsholongwane i-corona eyaziwa ngoba yi SARS-COV-2. Lentsholongwane isulela amadoda, abasetyhini, abantwana, abantu abadala, intlanga zonke nabantu benkolo zonke. Abantu abaninzi abosulelekileyo ababonisi zimpawu okanye xa sele bezibonisa ezo mpawu, azikho qatha..Ingxenye yabantu ingadinga ukuba iye esibhedlele, abanye abantu bangade basutywe kukufa.

Ayicacanga ukuba ngubani onganeempawu ezingekho qatha okanye ozodinga

isibhedlele ngoba nabantu abaphile qete banako ukugulela ukufa.

Uphando olunzulu lubonisa ukuba iCOVID-19 inobungozi kakhulu kubantu abadala kakhulu nabantu abanezigulo abazinyangayo njenge swekile noxinezelelo lwegazi (ihayi-hayi).

Ibenobungozi ngakumbhi kwababanga fumani nyango lwaneleyo kwizigulo zabo. Ngamanye amazwi intsholongwane inobungozi kubantu abanamajoni omzimba abuthathaka.

Ngubani onokuchaphazeleka

•Isifo semiphunga •Isifo sentliziyo •Abantu abaphila nesifo sikagawulayo (HIV or AIDS) •Abantu abafumana unyango lomhlaza •Isifo seswekile •Isifo zezintso •Isifo sesibindi

Imizekelo

iCOVID-19 icaphazela imiphunga kwaye iimpawu ziquka ukhohlo-khohlo olomileyo, ubushushu nokudinwa/ukutyhafa.

Abanye abantu bakhankanye iimpawu zokuba nesifo sotyatyazo ,ukungavi mavumba kunye nokungakwazi ukuva incasa ekutyeni.

Iimpawu

Iinzululwazi zoMzantsi Afrika nasehlabathini jikelele zimangxada-ngxada zizama ukufumana ichiza.

Zenza uphando-nzulu kwimiba emithathu eyahlukeneyo. Umba wokuqala kukufumana iyeza lokugonya. Kuba le ntsholongwane iqala uziveza, alikabikho ichiza lokugonya.

Sithetha nje, zikhona inzululwazi phesheya eUnited Kingdom nakumanye amazwe eziqalisa ukuvavanya amachiza okugonya. Phambi koba lamayeza akwazi ukunikwa

abantu kumele ukuba avavanywe kuqinisekiswe ukhuseleko lwabantu lonto ingathatha iinyanga ezininzi.

Okwesibini,iinzululwazi zizama ukuphucla iindlela zpvavanyo nezixhobo zovavanyo ukuze kuqondwe isifo ebantwini ngokukhawulezileyo.

Ezinye iinzulu lwazi zinethemba lokuvelisa iyeza elinako ukuba sisibulali-vayirasi lincedise ekupheliseni ukukhula kwevayirasi.

Zenzani inzululwazi ekuzameni ukufumana ichiza

UBUME BENTSHOLONGWANE YE-COVID-19, I-CORONA

Iqokobhe lefutha elingaphandle(ikhusela intsholongwane xaingaphandle kweseli)

I-genome yevayirasi(yandisa inanilentsholongwane kwiselieyosulelekileyo)

i-Nucleocapsid(ikhusela inkcukachazemfuzoyentsholongwane)

Ii-Spike proteins(incedisa intsholongwane

ukuba ingene kwiseli)

INDLELA ISEPHA IETSHABALALISA NGAYO i-COVID-19 YENTSHOLONGWANE I-CORONA

Ugwebhu lungqonga ifutha lenze I-micelles ezingena bungozi ezidada apho

kulo manzi uhlamba ngawo

Xa uhlamba izandla(neendawo

ezinentsholongwane) ugwebu lwesepha luqhekeza

eliqokobhe le futha.

Xa eli qokobheliqhekekile, utshabalalisa

intsholongwane futhiuyithintele ukuba

ingakosuleli

IBHAKTHERIA IVAYIRASI

Ibhaktheria yintsholongwane ephilayo eyiseli enye (single cell ngamakhumsha) kwaye inkulu kune vayirasi.

Iivayirasi ziintsholongwane ezincinci kakhulu ezenziwe ngeDNA okanye iRNA (hayi zombini) ebunjwe ngeqokobhe leproteini.

Intsholongwane yebhaktheriya iyakwazi ukwanda ngokunokwayo ingadingi enye iseli ukuze yande

Ivayirasi kumele ingene kwiseli yomntu (okanye yesilwanyana) ukuze ikwaziukwanda ngenani. Xa le ntsholongwane yevayirasi ingenile kwiseli yomntu ifaka ibuyona be-DNA (genetic material ngamakhumsha) bayo ize iphinde iqhatheiseli yomntu ukuba yandise amanani obuyona beDNA phakathi kwiseli yomntu.Le ntsholongwane iye inwenwe kwezinye iiseli nakwabanye abantu.

Izibulali-ntsholongwane zebhakhteriya zisetyenziswa ekubulaleni izifo ezenziwayibhaktheriya kuphela.

Izibulali-ntsholongwane zebhaktheriya azinako ukubulala iivayirasi. Yiyo lontozingenako ukunyanga isifo seCOVID-19. Amayeza okugonya anako ukuzibulala iivayirasi kodwa ngelishwa isifo seCOVID-19 asikabinalo iyeza lokugonya.

Indaba ezimandi zezokuba intsholongwane i-corona inayo indawo apho ibuthathaka khona. Iqokobhe lokuzikhusela lale ntsolongwane lenziwe ngefutha. Yintoni ke esusa amafutha?Yisepha. Isepha isusa elifutha lisisikhuseli sevayirasi nto leyo ebulala ivayirasi. Yiyo lonto abantu bekhuthazwa ukuba bahlambe izandla ngesepha namanzi imizuzwana eyi-20. Sidinga ukuhlala silumkile singosuleleki ukuze sithintele ukunwenwa kwale ntsholongwane lide lifike iyeza lokugonya.

Intsholongwane eyi-vayirasi okanye eyi-bhaktheriya?Njengoko igama lizichaza, intsholongwane i-corona ebangela iCOVID 19 yivayirasi akuyiyo ibhaktheriya.

Zininzi iintsomi namabali angeyo nyani ngeendlela zokuba umntu azikhusele ekosulelekeni yile ntsholongwane. Maninzi namabali axela iindlela zokuzinyanga ukuba wosulelekile. Inyaniso yeyoba akukabikho chiza lokunyanga le ntsholongwane. Ungadlala indima yakho ngokulandela imigaqo ebekiweyo ngabasebenzi bezempilo nokuhlala usempilweni. Indaba ezimnandi zezoba nangona

kungekho chiza layo i-corona abantu abaninzi babonisa iimpawu ezingekho qatha okanye ababonisi mpawu kwaphela.

Abemi boMzantsi Afrika abaninzi bachachile kule tsholongwane kodwa baninzi abangadinga iinkonzo zasibhedlele. Ukuba le ntsholongwane inwenwa kakhulu izibhedlele zethu zizokoyiswa ukuthatha inani elikhulu labantu. Enye indlela yokudlala indima yakho ekupheliseni ukunwenwa

kwecorona kukuvavanya xa kukho isidingo okanye uceliwe.

Ukuba ubonisa iimpawu zeCovid-19 thetha nomsebenzi wezempilo okanye ugqirha ufumane uvavanyo.

Ngalondlela sinako ukuyilandelela le ntsholongwane kwaye kuncitshiswe ukunwenwa kubantu abaninzi. Akukho bungozi ekufumaneni uvavanyo.

Musa ukumamela indaba ezingeyonyani ngechiza elingekhoyo: Akukabikho chiza

Yintoniisifosokuphefumlakwayekudibananjaniokune-coronavirus?NguGARTHABRAHAMSIsifo sokuphefumla sisifo esichaphazela indlela yokuphefumla. Izifo zokuphefumla zinokuchaphazela Indlela yokuphefumla engaphezulu, eqala empumlweni kwaye iphelele kuqhoqhoqho, okanye engasezantsi indlela yokuphefumla, eqala kuqhoqhoqho kwaye iphelele emiphungeni. Kukho ezahlukeneyo Iintlobo zezifo zokuphefumla ezinokuthi

zihlukane ngobubanzi ukusuka kwisifo esingekhonzulu ukuya kwisifo esibulalayo. Ezinye Izifo zokuphefumla, ezinjenge-sifo sesifuba okanye umhlaza wemiphunga zibangelwa okanye zidibene nemfuza okanye izinto indalo esingqongileyo, ngelixa ezinye ezinje ngesifo sephepha kunye nomkhuhlane oqhelekileyo ziyafunyanwa ukulandela ukosuleleka ziintsholongwane.

I-COVID-19 sisifo

sokuphefumla esibangelwa yi-SARS-CoV2 esandovela, ilungu losapho lwentsholongwane olwaziwa ngokuba zi-coronaviruses.

Ii-coronavirus zihlala zosulela iintaka kunye nezilwanyana ezinje ngeenkukhu, iihagu, okanye amalulwane, kodwa ngamanye amaxesha zinokwazi ukudluliselwa (okanye "ukuxhumela") ebantwini apho zinokuthi zibenakho ukubangela isifo. Okwangoku, kuye kwachongwa ii-

coronavirus ezisixhenxe ezosulela abantu.

Ezine kwezi Ii-coronavirus "ezenzelwe umntu" zihlala zibangela usuleleko olungekhonzulu kwiindlela zokuphefumla, njengomkhuhlane wengqele. Ii-coronavirus ezintathu ezisele, amagama azo angu Sars-CoV, i-MERS-CoV kunye ne-SARS-CoV2, ngokuchaseneyo, ziyakwazi ukuvelisa ngakumbi usulelo olunzulu kwiindlela

Grocott’sMail24 APRIL 2020

Umfanekiso: Ronen Fogel

Page 3: Unity.Umbulelo obanzi siwenza kwimibutho nabantu …€¦ · 24-04-2020  · Nks S Adam kule nombolo 0832315061. Izikimu zokondla zalapha ekhaya zolulelwe imida, lothuba amawaka abantu

HELLO!I am a VIRUS,

cousins with the Flu and

the Common Cold

My name is Coronavirus

MANUELA MOLINA - @MINDHEART.KIDS

WWW.MINDHEART.CO

CC BY-NC-SA 4.0 INTERNACIONAL PUBLIC LICENSE

4 COVID-19THESCIENCE Grocott’s Mail 24 APRIL 2020

I love to travel...

HIGHFIVE

and to jump

from hand to

hand to say Hi

Have you heard about me?

And how do you feel when

you hear my name?

YES

Relaxed

Confused

Nervous

Worried

NO

Sad

Curious

I can understand you

feel...

Draw it here

...I would feel the same way

Sometimes adults get

worried when they read

the news or see me on TV

THAT'SME!

But I am going to explain

myself...

So you can understand...

COVID-19

F

e

v

e

r

C

o

u

g

h

When I come to visit, I bring...

Difficulty breathing

But I don’t stay with

people for long, and almost

everyone gets better

BYE BYE...Just like when you get a

scrape on you

knee and it heals

Dont you worry!

The adults who take care of you:

will keep you safe

By washing your hands

with soap and water

while singing a song

By using hand sanitizer

and letting it dry on

your hands

And you can help...

Without moving them count to 10

1, 2, 3, 4, 5, 6, 7, 8, 9, 10

Once your hands are dry you can get

back to playing!!

You can sign your favorite song,

the happy birthday song, or the

alphabet song

while the doctors work to find a vaccine

that will allow me to say hi

without getting you sick.

If you do all that

I will not come to visit

MANEULA MOLINA - @MINDHEART.KIDS

WWW.MINDHEART.CO

MANUELA MOLINA - @MINDHEART.KIDS

WWW.MINDHEART.CO

CC BY-NC-SA 4.0 INTERNACIONAL PUBLIC LICENSE

Download this PDF here:

www.mindheart.co/descargables

Author:

Manuela Molina Cruz

Instagram: @mindheart.kids

[email protected]

THE END

COVibook

CC BY-NC-SA 4.0 Internacional Public License

Ukufunda ngentsholongwne i-corona kubaluleke kubantu abadala njengangoko kubalulekile nasebantwaneni. Ewe asifuni abantwana baxhalabe, kodwa inokuba sele kudala benemibuzo ngayo le ntsholongwane. Ngokuthetha nabantwana sinako ukunciphisa iinkxalabo zabo, ze siphuhlise imfundo yabo. Nantsi ke imidlalo eyonwabisayo enokuncedisa kwincoko nabantwana khona ukuze bakwazi ukuyiqondisisa le ntsholongwane kwaye kuqinisekiswe ukuba bakhuseleke ngcono.

Abantwana abasempliweni behleli endliniQiniseka ukuba abantwana benza oku: 1. Batya iziqhamo nemifino ngayo yonke imihla ukuze baqine kwaye babasempilweni 2. Bayazilolonga yonke imihla ngokuba bahlale bedlala-

imidlalo yokutsiba-tsiba,yokuma ngomlenze omnye njalo njalo. 3. Bagcine bedlala kwaye uthetha nabo- ewe nokuba abakwazi ukudibana neetshomi zabo, banako

ukuzonwabisa besendlini. 4. Nxiba imaski yelaphu xa uzokuphuma endlini okanye xa umntu endlini ebonakalisa iimpawu zokugula.

Ndim intsholongwane engumzala womkhuhlane kunyenokhohlo-khohlo.

Igama lam ndinguCoronavirus

MOLO!Ndiyakuthanda ukugqiba ilizwe

…nditsibe ndisuke kwesi isandla ndiye kwesinye ukuzinwena

Ezandleni kwezo ndawo

Sowuvile ngam?

Ewe Hayi

Ewe, uziva njani xa uva igama lam

Ndikhululekile Ndibhidekile Ndinexhala

Ndifuna ukwazi Ndiyaphakuzela Ndindakumbile

Ndiyakuqonda uziva….

zoba apha

…Nam ndingaziva njalo

Ngamanye amaxesha abantu abadala babanexhala xabebukele iindaba okanye bendibona kumabonakube.

”ndim lowo”

Kodwa ndizozicacisa…

Ukuze undazi kakuhle

Xa ndikundwendwele ndizisa…

ukuphemfumla nzima

ubushushunokhohlo-kohlo

Andihlali ixesha elide ebantwini kwaye abantu endibosuleleyo abaninzi bakhawuleze bazive bebhete

Usale kakuhleifana nokugruzuka edolweni kodwa uphinde uphile

Ungaxhalabi! Abantu abadala abakukhatheleleyo:

bazakugcina ukhuselekile

Ungadlala eyakho indima ngokwenza oku…

Hlamba izandla ngesapha namanzi ucula ingoma…

ungacula neyiphi na ingoma oyithandayo

Sebenzisa isibulali-ntsholongwane sezandla uze usiyeke somele ezandleni

Ungazishukumisanga izandla bala ukuya ku-10... 1, 2, 3, 4, 5, 6, 7, 8, 9, 10 Xa sele izandla zakho zomile ungabuyela ekudlaleni

Ukuba wenza zonke ezizinto andizokundwendwela

Logama oogqirha bezama ukufumana iyeza likugonya elizokukhusela ukuze ndikwazi ukubulisa ndingakugulisi

ipasisiwe

ISIPHELO

Eli cwecwe loshicilelo lifumane apha: www.mindhear.co/descargables

Umbhali: Manuela Molina Cruz Instagram: @mindheart,kids [email protected]

Imidlalo yabantwana yeCovid-19