Incwadi enkulu 2 Incwadana 5 Incwadana 6 Incwadana 7 Incwadana 8 UMGANGATHO woku-1 ISIXHOSA Amabali afundwa ngokuvakalayo eencwadana 5-8
Incwadi enkulu 2
Incwadana 5 Incwadana 6
Incwadana 7 Incwadana 8
UMGANGATHO woku-1 ISIXHOSA
Amabali afundwa ngokuvakalayo eencwadana 5-8
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:38 AM Page i
Isiseko senkqubo yobuchule bokufunda nokubhala kwabaselula
Ipapashwe 2011 ngabakwa-Molteno Institute for Language and LiteracyIxhaswe yi-Zenex Foundation
Umgangatho woku-1: Incwadi enkulu 2 � Iqela loPhengululo neMveliso yeNkqubo (Research & Development Unit)
• Abaququzeleli: Jenny Katz noMirna Lawrence• Incutshe kulwimi isiXhosa: Nolitha Bikitsha• Umongameli nkqubo: Dr Paula Gains
� Abazekelisi: Ibali 5 Baleka: Rob Owen; Ibali 6 Lala ne-Ibali 8 Mamela: MarleenVisser; Ibali 7 Zoba usike: Sandy Campbell
� Uyilo nongqaleko: Resolution
© 2011 Molteno Institute for Language and Literacy
ISBN 978-1-920488-21-5
Creative Commons Attribution-NonCommercial-NoDerivatives (CCBY-NC-ND) 4.0 International Licence Disclaimer: You are free to download andshare this work as long as you attribute theMolteno Institute for Language and Literacy,but you may not change this work in any wayor use it commercially.
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:38 AM Page ii
1
Iziqulatho
Ibali 5: Baleka• Phambi kokuba kufundwe nangexesha
lokufunda: ingqalelo katitshala................... 2• Ibali elifundwa ngokuvakalayo .................. 3• Emva kokufunda: ingqalelo katitshala ..... 11
Ibali 6: Lala• Phambi kokuba kufundwe nangexesha
lokufunda: ingqalelo katitshala................. 12• Ibali elifundwa ngokuvakalayo ................. 13• Emva kokufunda: ingqalelo katitshala ..... 21
Ibali 7: Zoba usike• Phambi kokuba kufundwe nangexesha
lokufunda: ingqalelo katitshala................. 22• Ibali elifundwa ngokuvakalayo ................. 23• Emva kokufunda: ingqalelo katitshala ..... 31
Ibali 8: Mamela• Phambi kokuba kufundwe nangexesha
lokufunda: ingqalelo katitshala................. 32• Ibali elifundwa ngokuvakalayo ................. 33• Emva kokufunda: ingqalelo katitshala ..... 41
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:44 AM Page 1
2
5 BALEKA ISISHWANKATHELO SEBALI SIKATITSHALA
Esi sisiqendwana esibalisa ngokwenzekayo ukwazisa uludwe lwezinto ezityiwayo kwindalo nengqikelelo yabaphanginamaxhoba, nabaphangi beba ngamaxhoba: ibhabhathane lizingelwa sisigcawu isigcawu sizingelwa lisele isele lizingelwa yinyoka inyoka izingelwa yintaka intaka izingelwa yimfene imfene izingelwa lihlosi.Ekugqibeleni, ihlosi lizingelwa ngumntu. Kodwa umntu yena kumele ame acinge phambi kokuba azingele, kubaasikokutya kwakhe isilwanyana ihlosi! Kulindeleke ukuba abantu bayikhusele bayilondoloze kananjalo indalo kubalilifa kubo.
PHAMBI KOKUBA KUFUNDWEISIGAMA• Sebenzisa le mifanekiso (ekule ncwadi inkulu yebali ukuba kufanelekile) ukuqinisekisa ukuba abafundi bayazazi
zonke izilwanyana ngokuzikhomba nangokwahlukana kwazo. Khumbula ukuba abafundi akunyanzelekanga ukubabakwazi ukuwafunda la magama, kulindeleke nje ukuba bazi intsingiselo yawo. Yalela abafundi ukuba basebenziseigama ngalinye bakhe isivakalisi ngomlomo:
ibhabhathane is igcawu isele inyoka intaka imfene ih losibaleka dubula khusela
IMIBUZOBonisa umfanekiso oseluqweqweni lwencwadi yebali kwiphepha lesi-3. Buza:
• Zeziphi izilwanyana ozibonayo? Wazi ntoni ngesilwanyana ngasinye?
Ngexesha abafundi bekhomba isilwanyana ngasinye abasaziyo, bonisa amacwecwana okanye ubhale uludwelwamagama ezilwanyana ezo ebhodini. Khuthaza abafundi babelane ngolwazi ngabakwaziyo ngesilwanyana ngasinye –sikhula side sibe singakanani ebomini baso, mingaphi imilenze yaso, sitya ntoni, sihlala phi, njl. njl.
• Zeziphi izilwanyana ocinga ukuba zinobungozi? Yintoni ebangela ukuba ucinge njalo?
Zonke ngaphandle kwebhabhathane – zinamazinyo abukhali nakrazulayo, ezinye, ulwimi oluncangathi nolugcayiselayo,ezinye, iinzipho ezikrwempayo, ezinye, amabamba anobuhlungu.
Alatha egameni lebali uthi:
• Igama lebali lithi “Baleka”. Ucinga ukuba kutheni linikwe eli gama ibali?
Bhala iingcebiso zabafundi ebhodini. Emva kokufunda ibali, fumana ochane impendulo. (Kufuneka baqashele ukubaezinye izilwanyana kufuneka zizibalekile ezinye kuba ziyingozi kuzo kwaye zikwakukutya kwazo.)
NGEXESHA LOKUFUNDAIMIBUZONgexesha ufunda ibali, khomba umfanekiso ngamnye uchaza ukuba esinye kwezo zilwanyana siyazingela, esinyelixhoba. Chaza kwiphepha elilandelayo ukuba umzingeli uba lixhoba lesinye isilwanyana esizingelayo.
Nqumama kwiphepha lesi-4 walathe emifanekisweni. Buza:
• Isigcawu silibamba njani ixhoba laso?
Sibhabhisa ngophinyephinye wendlu yaso encangathi.
Nqumama kwiphepha le-10, walathe emfanekisweni wendoda. Buza:
• Ucinga ukuba le ndoda yakhe yazingela yabulala ihlosi ngaphambili? Yintoni ekucingisa oko?
Ewe – umnqwazi wakhe ukwakhiwe ngofele lwehlosi.
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:44 AM Page 2
3
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:44 AM Page 3
4
Lumka, bhabhathane …
Izigcawu zitya amabhabhathane.
La phinyephinye wendlu yazo uncangathi uyabhabhisa.
Yimo yendalo.
Baleka, bhabhathane!
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:44 AM Page 4
5
Lumka, sigcawu …
Amasele atya izigcawu.
La malwimi awo ancangathi ayagcayisela.
Yimo yendalo.
Baleka, sigcawu!
Lumka, bhabhathane …
Izigcawu zitya amabhabhathane.
La phinyephinye wendlu yazo uncangathi uyabhabhisa.
Yimo yendalo.
Baleka, bhabhathane!
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:44 AM Page 5
Lumka, sele …
Iinyoka zitya amasele.
La mazinyo azo amabamba anobuhlungu ayaluma.
Yimo yendalo.
Baleka, sele!
6
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:44 AM Page 6
Lumka, nyoka …
Iintaka zitya iinyoka.
La milomo yazo mide itsolo iyaxhola ilume.
Yimo yendalo.
Baleka, nyoka!
7
Lumka, sele …
Iinyoka zitya amasele.
La mazinyo azo amabamba anobuhlungu ayaluma.
Yimo yendalo.
Baleka, sele!
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:44 AM Page 7
Lumka, ntaka …
Iimfene zitya iintaka.
La mazinyo azo amihlathi yomeleleyo ebukhali ayakrazula.
Yimo yendalo.
Baleka, ntaka!
8
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:44 AM Page 8
Lumka, mfene …
Amahlosi atya iimfene.
La mazinyo awo made abukhali nezanzipho zawo zikrwempayo ziyakrazula.
Yimo yendalo.
Baleka, mfene!
9
Lumka, ntaka …
Iimfene zitya iintaka.
La mazinyo azo amihlathi yomeleleyo ebukhali ayakrazula.
Yimo yendalo.
Baleka, ntaka!
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:44 AM Page 9
10
Lumka, hlosi …Abantu ABATYI mahlosi.Kodwa la mipu yabo mikhulu idubula iwabulale amahlosi.AYIYO mo yendalo.Baleka, hlosi!
Yima, mzingeli! YIMA! Sukudubula!Abantu mabawakhusele amahlosi.Abantu mabayikhusele indalo.Kufanelekile.
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:44 AM Page 10
11
ibhabhathane is igcawu isele inyoka intaka imfene ihlosi
EMVA KOKUFUNDAIMIBUZOVavanya ulwazi. Buza:
• Kungani isilwanyana ngasinye siyalelwa ukuba masibaleke?
Kuba sizakubulawa sityiwe.
• Isele lona, lisibamba lisibulale kanjani isigcawu?
Lisigcayisela ngolwimi lwaso oluncangathi.
• Kungani umntu yena eyalelwa ukuba ame angabulali?
Akungaba umntu uyazikhusela – phofu nehlosi lingenanjongo zakuhlasela. Chaza ukuba izilwanyana ziphila ngokuzingelaukuze zifumane ukutya. Oko kuyindalo. Umntu nguye nje oyakuzingela ngaphandle kwesizathu esivakalayo, esebenzisaumpu. Esi senzo asamkelekanga endalweni.
Vavanya ukulonwabela. Buza:
• Ulithandile na ibali? Yintoni oyithandileyo, yintoni ongayithandanga ngalo?
Vumela abafundi abambalwa babalise ngezimvo zabo.
• Sesiphi esona silwanyana usoyika kakhulu? Yintoni isizathu sokusoyika?
Vumela umfundi ngamnye aphendule. Fumanisa ngeempendulo zabafundi.
• Kunini apho kufanelekileyo ukuba umntu adubule asibulale isilwanyana sasendle?
Vumela abafundi babelane ngezimvo, umzekelo: kuxa umntu esengozini; kuxa isilwanyana sibulele umntu; kuxaisilwanyana sisezintlungwini singenakunyamezela; njl. njl.
IMISEBENZIUkufunda okubonwayo, ukumamela nokuthetha
• Balisa ibali usebenzisa imifanekiso kuphela. Cela abafundi baze ngaphambili ukuza kwalatha izilwanyana kwiphephangalinye besakha nesivakalisi ngesilwanyana eso. Nceda abafundi basebenzise igama elililo lesilwanyana, umzekelo:Isigcawu sinophinyephinye wendlu. Isele linolwimi olude. Inyoka ayinamilenze. Intaka inemilenze emide. Imfene isemthini.Ihlosi linamachokoza, njl. njl.
• Ukuba kuyenzeka, lungisa amacwecwana abe sixhenxe, icwecwana ngalinye libe nomfanekiso wesilwanyanaesisebalini kunye negama lesilwanyana eso. Waxube amacwecwana. Cela abafundi baze ngaphambili ukuza kubekaamacwecwana ngokulandelelana ngokwasebalini nangendlela ekudweliswe ngayo izinto ezityiwayo kwindalokwalapho ebalini. Abafundi ababizelwe ngaphambili mabachaze becacisa ngezo zinto zityiwayo kwindalo abanyeabafundi bemamele: Ibhabhathane lityiwa sisigcawu. Isigcawu sityiwa lisele. Isele lityiwa yinyoka, njl. njl.
Ukufunda kunye nezandi
• Bonisa umphandle wencwadi walathe igama lebali u“Baleka” kwiphepha lesi-3. Funda igama kunye nabafundi.
• Lungisa la magama abhalwe kumacwecwana:
baleka yima
Yalela abafundi baziqhelanise nala magama, ngokuwafunda yonke imihla. Bancedise ukuqingqa igama u“baleka” libengamalungu (ba-le-ka). Kananjalo bayalele ukuziqhelanisa ukulisebenzisa igama ekwakheni izivakalisi zomlomo.Xhoma amagama egumbini lokufundela kwindawo ebonakalayo kubafundi, ixesha elingangeveki.
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:44 AM Page 11
12
6 LALA ISISHWANKATHELO SEBALI SIKATITSHALA
Kusebusuku efama. Izilwanyana zilalisa inzala yazo: imazi yehashe nenkonyana, imazi yenkomo nenkonyana, imaziyebhokhwe namatakane amathathu, imazi yehagu namantshontsho amahlanu, imazi yegusha namatakaneamabini, isikhukukazi namantshontsho amane. Ibali liphela ngokubalisa ngesikhova naso esivusa oosikhovanabaso abathathu! Kaloku masikhumbule ukuba izikhova zizilwanyana zasebusuku – ziyalala emini, ebusuku zihleli.
PHAMBI KOKUBA KUFUNDWEISIGAMA• Sebenzisa imifanekiso (ekule ncwadi inkulu ukuba kufanelekile) ukuqinisekisa ukuba abafundi bayazazi bengazalatha
zonke izilwanyana. Yalela abafundi ukuba basebenzise igama ngalinye bakhe isivakalisi ngomlomo:
ubusuku la la vuka ihashe inkomo ibhokhwe ihagu igushainkukhu is ikhova inkonyana i takane intshontsho
INGOMAEli bali libalisa ngezilwanyana zilalisa inzala yazo. Buza abafundi ukuba bona babelaliswa njani na ngoomama babo beseziintsana. Ingaba bakhe baculelwa iingomazokubalalisa na? Kunye nabafundi, cula lo mhobe wokulalisa usana, owaziwa kakhulu.
IMIBUZOBonisa umfanekiso oseluqweqweni lwencwadi yebali kwiphepha le-13. Funda igama lebali “Lala”. Buza:
• Ingaba yenzani le ntombazana?Ilele emandlalweni wayo.
• Ingaba kuleliphi ixesha lemini? Ubona ngantoni?Kusebusuku – ngaphandle isibhakabhaka simnyama nenyanga iyabonakala. Ngaphakathi endlini kumnyama.
• Zeziphi izilwanyana zokudlala ozibonayo phezu komandlalo wakhe?Yinkomo, lihashe, yinkukhu, yihagu, ugone netakane legusha
• Zifumaneka phi izilwanyana ezifana nezi?Zifumaneka efama. Khangela nali nephiko lamanzi. Eli phiko lisebenzisa umoya ukumpompa amanzi afumanekaezifama.
NGEXESHA LOKUFUNDAIMIBUZONgexesha ufunda ibali, yalatha wazise isilwanyana esingumama nesingumntwana okanye abantwana kumfanekisongamnye.
Nqumama kwiphepha le-17 nakwiphepha le-19 walathe emifanekisweni. Buza:
• Ngubani kuni obona intshontshwana eligezayo? Kutheni ligeza nje?
Mema umfundi aze ngaphambili ukuza kwalatha intshontshwana elingalalanga, elimileyo. Njengabantwana abagezayo,awafuni kulala!
Thula-thul, thula baba, thula sanaThul’ubab’ uzobuya ekuseniThula-thul, thula baba, thula sanaThul’ubab’ uzobuya ekuseniThula, thula, thula babaThula, thula, thula sanaThula, thula, thula babaThula, thula, thula san’
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:44 AM Page 12
13
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:44 AM Page 13
14
Inyanga iyakhanya esibhakabhakeni.
Iinkwenkwezi zikhazimla njengedayimani.
Kusebusuku. Kuthe cwaka efama.Kuthe cwaka esitalini samahashe.
Lixesha lokulala kunkonyana.Umama uhashe umane erheceza unkonyana ngalo mpumlo yakhe indeithambileyo.‘Lala, nkonyana. Maphuph’ amnandi!’
Unkonyana udiniwe emva kwemini ende ephala emathafeni.Cum! Ukobude ubuthongo unkonyana.
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:44 AM Page 14
Kusebusuku. Kuthe cwaka efama.Kuthe cwaka ebuhlanti beenkomo.
Lixesha lokulala kunkonyana.Umama umazi umane ekrweca unkonyana ngophuphu ngobubele.‘Lala, nkonyana. Maphuph’ amnandi!’
Unkonyana udiniwe emva kwemini ende esitya ingca edlelweni.Cum! Ukobude ubuthongo unkonyana.
15
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:44 AM Page 15
16
Kusebusuku. Kuthe cwaka efama.Kuthe cwaka ebuhlanti beebhokhwe.
Lixesha lokulala kumatakane ebhokhwe.Umama ubhokhwe umane ewangquzula kancinci ngentloko.‘Lalani, bantwanana. Maphuph’ amnandi!’
Amatakane adiniwe emva kwemini ende eleqana ebaleni.Cum! Akobude ubuthongo amatakane.
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:44 AM Page 16
Kusebusuku. Kuthe cwaka efama.Kuthe cwaka ehokweni yeehagu.
Lixesha lokulala kumantshontshwana.Umama uhagu umane ewatyhala ewathomalalisa ngalo mhemfu yakhe.‘Lalani, mantshontshwana. Maphuph’ amnandi!’
Amantshontshwana adiniwe emva kwemini ende edlala eludakeni.Cum! Akobude ubuthongo amantshontshwana.
17
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:44 AM Page 17
Kusebusuku. Kuthe cwaka efama.Kuthe cwaka ebuhlanti begusha.
Lixesha lokulala kumatakane.Umama ugusha umane eziqhusheka kumatakane ngalo mzimba unoboyaufudumeleyo.‘Lalani, bantwanana. Maphuph’ amnandi!’
Amatakane adiniwe emva kwemini ende bedloba engceni.Cum! Akobude ubuthongo amatakane.
18
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:44 AM Page 18
Kusebusuku. Kuthe cwaka efama.Kuthe cwaka endlwaneni yeenkukhu.
Lixesha lokulala kumantshontshwana.Umama usikhukukazi umane ekhukhumala ewaqhusheka phantsikweentsiba zakhe.‘Lalani, mantshontshwana. Maphuph’ amnandi!’
Amantshontshwana adiniwe emva kwemini ende bekrwela bexhola-xholaesantini.Cum! Akobude ubuthongo amantshontshwana.
19
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:44 AM Page 19
Kusebusuku. Kuthe cwaka efama.Kodwa kuyaxokozela kula mthi mkhulu unabileyo.
Lixesha LOKUVUKA kozikhovana!Umama usikhova umane ebanyumbaza ngomlomo.‘Vukani, zikhovana! Phaphamani nikhazimle!’
Ozikhovana baphaphamile emva kwemini ende belele emthini.‘Hu-hu,’ bayakhala ozikhovana.Umama usikhova yena selebhabhe wayokutshona esibhakabhakeniesimnyama.Ozikhovana baza kumlinda ubusuku bonke.
20
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 20
21
IZILWANYANA SASEFAMA OKWAZIWAYO
amahashe Atya ingca. Ayabaleka kakhulu. Akwaluncedo ukuthutha izinto nabantu kwaye nabantubayawakhwela amahashe.
iimazi zeenkomo Zitya ingca. Sifumana ubisi nenyama kuzo.
iibhokhwe Zitya ingca. Sifumana ubisi nenyama kuzo.
iihagu Zitya kakhulu! Zityebe kakhulu. Zithanda ukuziqikaqika eludakeni. Sifumana inyama kuzo.
iigusha Zitya ingca. Sifumana inyama kunye noboya kuzo.
iinkukhu Zitya umbona. Zineentsiba nemilomo yentaka. Sifumana amaqanda nenyama kuzo.
izikhova Ziintaka ezifumaneka endle neziphuma ebusuku. Ziyanceda ukubulala oobhubhaneabatshabalalisayo abafana namabuzi neempuku. Kufuneka sizikhusele izikhova.
EMVA KOKUFUNDAIMIBUZOVavanya ulwazi. Buza:
• Kutheni kuthule ngolu hlobo nje efama?
Bonke abantu kunye nezilwanyana kulelwe, okanye sekuza kulalwa.
• Kutheni lento abantwana bezilwanyana bediniwe?
Bebexakekile imini le yonke – bebaleka, bedlala, besitya, njl. njl.
• Ngomphi umama onguyena unabantwana abaninzi?
Ngumama uhagu (imazi yehagu) – unabantwana bahlanu.
• Umama usikhukukazi uwagcina njani amantshontshwana akhe efudumele?
Uyakhukhumala awaqhusheke ngaphantsi kweentsiba zakhe.
• Ingaba umama usikhova ubavusela ntoni oosikhovana?
Izikhova zizilwanyana zasebusuku – emini ziyalala ze ebusuku zivuke.
Vavanya ukulonwabela. Buza:
• Ulithandile na ibali? Yintoni oyithandileyo, yintoni ongayithandanga ngalo?
Vumela abafundi abambalwa babalise ngezimvo zabo.
• Sesiphi esona silwanyana usithandayo?
Vumela umfundi ngamnye aphendule. Fumanisa ngeempendulo zabafundi bonke.
• Ngubani okulungiselelayo ukuya kulala ekhaya? Uye wenze ntoni phambi kokuba ulale ubuthongo?
Vumela abafundi babalise ngezimvo zabo.
IMISEBENZIUkufunda okubonwayo, ukumamela nokuthetha
• Balisa ibali usebenzisa imifanekiso kuphela. Mema abafundi baze ngaphambili ukuza kwalatha, bakhe nesivakalisingomntwana okanye ngabantwana nonina abababona kwiphepha ngalinye. Nceda abafundi ukubiza isilwanyanangasinye ngegama laso elililo nelamkelekileyo, umzekelo:
Ibala lehashe nenkonyana limdaka. Imazi yenkomo nenkonyana zitya ingca. Ibhokhwe namatakane zilele. Imazi yehaguityebile. Ibala lamantshontsho enkukhu lilubhelu. Izikhova zihleli emthini, njl. njl.
• Khuthaza abafundi baxoxe babelane kananjalo ngabakwaziyo ngezilwanyana ezisebalini, umzekelo:
Ukufunda kunye nezandi
• Bonisa umphandle wencwadi walathe igama lebali u“Lala” kwiphepha le-13. Funda igama kunye nabafundi.
• Lungisa la magama abhalwe kumacwecwana:
la la vuka
Yalela abafundi baziqhelanise nala magama, ngokuwafunda yonke imihla. Xhoma amagama ebebewabona njaloabafundi kwiiveki ezintlanu ezidlulileyo ukuze bawaqwalasele kwakhona. (bala, hayi, bo, yam, ewe, vula, vala, coca,baleka, yima). Abafundi mabaziqhelanise ukwakha izivakalisi zomlomo besebenzisa la magama. Xhoma amagamaegumbini lokufundela kwindawo ebonakalayo kubafundi, ixesha elingangeveki.
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 21
22
7 ZOBA USIKE ISISHWANKATHELO SEBALI SIKATITSHALA
Lixesha lesifundo somsebenzi wobugcisa. Abafundi baza kusebenzisa izakheko ezahlukeneyo ukwakha isilwanyana.Bayazoba okanye basika bekhuphela isakheko esimbhoxo, esisisangqa, izakheko ezibini ezingoonxantathu, izakhekoezintlanu zoxande, nesakheko esisikwere ngeli lixa utitshala wabo ezekelisa elinganisa ngokuzoba inyathelo ngalinyeebhodini. Emva koko, abafundi badibanisa zonke ezi zakheko. Bafakela amehlo amabini kunye nomsila ... yindlovu!
NGEXESHA LOKUFUNDA
IMIBUZO
PHAMBI KOKUBA KUFUNDWEISIGAMA• Sebenzisa itshathi “Ukwakheka kwezinto nemibala” ukunceda abafundi banakane bakhombe isakheko nesakheko.
Yalela abafundi ukuba basebenzise igama ngalinye bakhe isivakalisi ngomlomo:
izakheko mbhoxo isangqa unxantathu uxande is ikweresika zoba indlovu
• Zoba imifanekiso embalwa elula ebhodini usebenzisaizakheko ezikwalula. Cela abafundi bakhombeumfanekiso bachaze nangesakheko osisebenzisileyoumfanekiso ngamnye.
UMHOBEFundisa abafundi lo mhobe. Bachazeleukuba baza kuwucengceleza kunye nawexa nifunda ibali.
IMIBUZOBonisa umfanekiso oseluqweqweni lwencwadi yebali kwiphepha lama-23. Funda igama lebali “Zoba usike”. Buza:
• Ucinga ukuba eli bali lenzeka phi? Kutheni ucinga njalo?Esikolweni – abantwana banxibe impahla zesikolo, kukho ibhodi, kukho netitshala.
• Qwalasela abafundi emfanekisweni. Ucinga ukuba kutheni eli bali libizwa “Zoba usike”? Kungokuba abafundi bazoba izakheko bazisike bezikhuphela ngokwakheka kwazo.
• Zeziphi izakheko ezahlukeneyo ozibonayo?Ezimbhoxo, eziluxande, ezingoonxantathu
NGEXESHA LOKUFUNDAIMIBUZONqumama kwiphepha lama-28. Buza:
• Abafundi basebenzisa ntoni ukukrwela imigca? Kungasizathu sini beyikrwela ngolu hlobo?
Basebenzisa iirula – bafuna imigca ingqale yoluke.
Nqumama emva kwephepha lama-29. Buza:
• Ucinga ukuba sesiphi esi silwanyana baza kusakha abafundi?
Vumela abafundi baqashele impendulo. Emva kokufunda, fumana ochane impendulo.
Izakheko ezibungakanani obahlukeneyoIzakheko ezizintlobo ezahlukeneyoIzangqa, izikwere, oxande, onxantathu, noombhoxoZintlobo ngeentlobo ezahlukeneyo!
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 22
23
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 23
24
Abafundi bebanga likankosazana uDlomo balungele isifundo sabo.Balungise iipensile, iirabha, iirula, izikere, iglu, nephepha elingwevu ngebala.
Namhlanje baza kufunda ukwenza isilwanyana besebenzisa izakhekoezahlukeneyo. Unkosazana uDlomo naye uqokelele izakheko, izistensilenezinye izinto zokuncedisa.
Kuqala, unkosazana uDlomo uxelela ibanga liphela ukuba bazobe isakhekoesimbhoxo esikhulu.
Abanye abafundi basebenzisa izistensile ukuzoba.
Izakheko ezibungakanani obahlukeneyoIzakheko ezizintlobo ezahlukeneyo
Izangqa, izikwere, oxande, onxantathu, noombhoxoZintlobo ngeentlobo ezahlukeneyo!
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 24
25
Uyaphinda unkosazana uDlomo uxelela ibanga liphela ukuba bazobeisakheko esisisangqa esincinci.
Abanye abafundi basebenzisa iitoti neziciko ukuzoba.
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 25
26
Aphinde unkosazana uDlomo axelele ibanga liphela ukuba bazobeonxantathu ababini abancinci abalinganayo.
Abanye abafundi basebenzisa izakheko zokhuni nezeplastiki ukuzoba.
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 26
27
Emva koko, unkosazana uDlomo uxelela ibanga liphela ukuba bazobeizakheko zoxande oluncinci kube kane zilingane.
Abanye abafundi basebenzisa iibhokisi ezincinci ukuzoba.
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 27
28
Kwakhona unkosazana uDlomo uxelela ibanga liphela ukuba bazobeuxande olude olumxinwa.
Abanye abafundi basebenzisa iirula ukuzoba.
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 28
29
Bakugqiba ukuzoba zonke izakheko abafundi, unkosazana uDlomo unikaumfundi ngamnye iphepha elizotywe isakheko esisikwere esikhulu. Uxelelaabafundi ukuba basike besusa isikwere ephepheni besebenzisa isikere.Abafundi basika besusa kumaphepha ezabo izakheko abazizobileyo.
Ekugqibeleni unkosazana uDlomo uxelela abafundi ukuba bajonge baqwalaseleizakheko. Ingaba sesiphi isilwanyana abangasakha ukusebenzisa ezi zakheko?
Uyabakhokela unkosazana uDlomo. ‘Isakheko esimbhoxo ngumzimba we…,isangqa yintloko ye…, izakheko ezingonxantathu ababini zindlebe ze…,izakheko eziluxande ezincinci ezine yimilenze ye…, ze uxande olude olumxinwaibe ngumboko we…’
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 29
30
Ewe, yiyo… yiNDLOVU!
Abafundi badibanisa izakheko ngocoselelo bezinamathelisa kweli phephalisisikwere. Bakugqiba bazoba befakela amehlo nomsila wendlovu.
Unkosazana uDlomo uxhoma imifanekiso eludongeni lwegumbi lokufundela.
Jonga! Umhlambi wonke weendlovu zaseAfrika!
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 30
EMVA KOKUFUNDAIMIBUZOVavanya ulwazi. Buza:
• Zingaphi ngokupheleleyo izakheko ebezidingeka ukwakhaindlovu?
Zilithoba (esimbhoxo esinye, isangqa esinye, onxantathu ababinineziluxande ezintlanu)
• Zeziphi ezi ndawo zomzimba wendlovu ezimelwe sisakhekongasinye?
Esimbhoxo-isiqu somzimba, isangqa-intloko, onxantathu-iindlebe,eziluxande-imilenze nomboko
• Wayesenzani utitshala ukunceda abafundi?
Wayezoba izakheko ebonisa ngokulinganisa ebhodini indlelaemazilungiswe ngayo xa zidityaniswa.
• Zeziphi izixhobo zokubhala ezazisetyenziswa ngabafundiukwenza lo msebenzi?
Iipensile, iirabha, iirula, izikere, isinamathelisi, iphepha
• Ucinga ukuba abafundi babonwabile ukwenza lo msebenzi? Kutheni ucinga njalo?
Ewe – kwimifanekiso emininzi bancumile, nangakumbi kwiphepha lama-30 bakugqiba ukudibanisa iindlovu zabo.
Vavanya ukulonwabela. Buza:
• Ulithandile na ibali? Yintoni oyithandileyo, yintoni ongayithandanga ngalo?
Vumela abafundi abambalwa babalise ngezimvo zabo.
• Ungathanda wena ukwenza umsebenzi ololu hlobo? Ngowuphi umfanekiso ongawenza?
Zeziphi izakheko ongazisebenzisa ukwenza lo mfanekiso?Vumela abafundi babelane ngabakwaziyo.
IMISEBENZIUkufunda okubonwayo, ukumamela nokuthetha
• Balisa ibali usebenzisa umfanekiso kuphela. Cela abafundi bachaze izinto abazisebenzisileyo ukunceda ukuzobaizakheko zabo (izistensile, iitoti, iziciko, izakheko zokhuni, iibhokisi ezincinci, iirula, njl. njl.).
• Yalela abafundi baqwalasele izinto ezahlukeneyo egumbini lokufundela bachaze ngokwakheka kwazo, umzekelo:ifestile – isisikwere; iwotshi enkulu, iqhosha, umsesane – zisisangqa; incwadi, irula, ibhodi – ziluxande; iliso – limbhoxo;impumlo – inxantathu.
• Cela abafundi bancokole babelane ngabakwaziyo ngeendlovu.
Ukufunda kunye nezandi
• Bonisa umphandle wencwadi walathe igama lebali u“Zoba usike”kwiphepha lama-23. Funda amagama kunye nabafundi.
• Lungisa la magama abhalwe kumacwecwana:
zoba usike
Yalela abafundi baziqhelanise nala magama, ngokuwafunda yonkeimihla bewasebenzisa kananjalo ukwakha izivakalisi zomlomo. Abafundi mabaqwalasele kwakhona amagamaabawabona njalo nabawafunde kwiiveki ezidlulileyo, baziqhelanise nawo.
• Biza ucele abafundi bachonge balathe isandi esingu ‘s’ nesingu ‘z’ kumagama abawabona njalo.
31
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 31
32
8 MAMELA ISISHWANKATHELO SEBALI SIKATITSHALA
Abantwana beqela lomculo esikolweni baziqhelisa ukudlala balungiselela ikonsathi. Kodwa wonke umntuobamamelayo ufuna nje bayeke oku kudlala! Umama kaRavi ucinga ukuba le fleyiti ayidlalayo ivakala njengentaka leenomqala obuhlungu. Ummelwane kaFikile ucinga ukuba le fidyoli ayidlalayo ivakala njengeekati ezi zimbinizikwempana. Ubhuti kaMara ucinga ukuba la magubu awabetha noKarabo avakala njengomhlambi lo weenyathiubaleka. Utata ka-Aaron ucinga ukuba le marimba ayidlalayo ivakala njengamanzi la athontsizayo avuza etephini.Udade boPamela ucinga ukuba eli xilongo alikhalisayo livakala njengevuvuzela le eyophukileyo. Inja kaMuzi icingaukuba esi siginkci asibethayo sivakala njengengcongconi le ebhubhuzela endlebeni. Ekugqibeleni, iqela lomculolakudlala ekonsathini… litsho ngowona wakhe wamyoli umculo! Abaphulaphuli bamamele bamangalisiwe. Ingathibangangayeki ukudlala!
PHAMBI KOKUBA KUFUNDWEISIGAMA• Sebenzisa imifanekiso (ekule ncwadi inkulu ukuba kufanelekile) ukuqinisekisa ukuba abafundi bayazazi bengazalatha
izixhobo zokudlala umculo. Yalela abafundi ukuba basebenzise igama ngalinye bakhe isivakalisi ngomlomo. Buzaabafundi ukuba bayazi na ukuba senza ingxolo enjani isixhobo nesixhobo. Ngubani ongalinganisa ingxolo leyoeyenziwa sisixhobo ngasinye?
iqela umculo konsathi i f leyi t i i f idyol i igubu imarimba ix i longo is iginkci umqala i inyathi thontsiza ingcongconi
INGOMAFundisa abafundi le ngoma. Culakunye nabafundi ubakhuthaze ukuba bakulinganise ngaxesha nye ulinganisa ukudlala isixhoboesahlukileyo.
IMIBUZOBonisa umfanekiso oseluqweqweni lwencwadi yebali kwiphepha lama-33. Buza:
• Ingaba baphi abafundi? Ubona ngantoni?
Basesikolweni – banxibe impahla zesikolo. Kukho nophawu olubonisa isikolo i-“Luleka Primary School”.
• Ingaba yintoni le ephethwe ngumfundi ngamnye?
Sisixhobo sokudlala umculo. Fumanisa ukuba bangakwazi na ukwalatha nokwahlula isiginkci nefidyoli (ezikwityesi zazo),amagubu, nefleyiti.
Alatha egameni lebali uthi:
• Igama lebali lithi “Mamela”. Ucinga ukuba kuza kumanyelwa ntoni?
Bhala iingcebiso zabafundi ebhodini. Emva kokufunda ibali, fumana ochane impendulo. (Abafundi mabaqashele ukubaabaphulaphuli baza kumamela iqela lidlala ngezixhobo zomculo.)
NGEXESHA LOKUFUNDAIMIBUZO Nqumama ukufunda emva kwephepha lama-35. Buza:
• Ingathi yintoni le ngxolo yenziwa yifidyoli kaFikile? Ngathi yintoni iikati ezimbini xa zisilwa?
Vumela umfundi okanye ababini balinganise.
Nqumama ukufunda emva kwephepha lama-37. Buza:
• Ingaba amanzi, xa ethontsiza evuza etephini, enza ingxolo emnandi?
Hayi ayimnandanga, iyathukuthezela. Uye ufune ukuba mayiyeke.
Nqumama ukufunda emva kwephepha lama-40. Buza:
• Kungani ucinga ukuba abaphulaphuli bawonwabele umculo?
Baqhwaba izandla, bonwabile, bancumile.
Isiginkci sam ndisibetha kanje, kanje(Abafundi balinganisa bebetha isiginkci)Isiginkci sam ndisibetha kanjeIsiginkci sam ndisibetha kanje, kanjeIsiginkci sam ndisibetha kanje
Qhubekeka ucula nangezinyeizixhobo usebenzisa izandlaukulinganisa ngokufanelekileyo(ukubetha igubu, ukudlalaikhodiyani, ukukhalisa ixilongo,njl. njl.)
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 32
33
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 33
34
Kusele iveki nje inye sibe nekonsathi yomculo esikolweni. Bonke abantwanakwiqela lethu kufuneka balungiselele beziqhelisa kangangoko.
URavi udlala ifleyiti kweli qela lomculo. Uziqhelisa ukudlala egumbinilokuphekela ngeli lixa umama wakhe elungiselela isidlo sangokuhlwa.
‘Owu, le ngxolo ayenzayo!’ uyacinga umama kaRavi.‘Ingathi yeyentaka le enomqala obuhlungu. Ndifuna ayeke!’
Ndifuna ayeke
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 34
35
Ndifuna ayeke
UFikile udlala ifidyoli kweli qela lomculo. Uziqhelisa ukudlala egadini ngelilixa ummelwane umnumzana uDube enkcenkceshela iintyantyambo.
‘Owu, le ngxolo ayenzayo!’ uyacinga umnumzana uDube.‘Ingathi yeyeekati ezi zimbini zikrwempana. Ndifuna ayeke!’
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 35
36
Ndifuna bayeke
UMara noKarabo babetha amagubu kweli qela lomculo. Baziqhelisa ukubethaegumbini lokuphumla ngeli lixa ubhuti kaMara ebukele umabonakude.
‘Owu, le ngxolo bayenzayo!’ uyacinga ubhuti kaMara.‘Ingathi yeyomhlambi lo weenyathi ubaleka. Ndifuna bayeke!’
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 36
37
Ndifunaayeke
UAaron udlala imarimba kweli qela lomculo. Uziqhelisa ukudlala everandeningeli lixa utata wakhe efunda iphepha.
‘Owu, le ngxolo ayenzayo!’ uyacinga utata ka-Aaron.‘Ingathi yeyamanzi la ethontsiza evuza etephini. Ndifuna ayeke!’
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 37
UPamela ukhalisa ixilongo kweli qela lomculo. Uziqhelisa ukulikhalisa egumbinilakhe lokulala ngeli lixa udade wabo omncinci ephumle kumandlalo wakhe.
‘Owu, le ngxolo ayenzayo!’ uyacinga udade wabo omncinci.‘Ingathi yeyevuvuzela le eyophukileyo. Ndifuna ayeke!’
38
Ndifunaayeke
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 38
UMuzi ubetha isiginkci kweli qela lomculo. Uziqhelisa ukudlala egaraji ngelilixa inja yakhe ikhukhuza ithambo.
‘Owu, le ngxolo ayenzayo!’ iyacinga inja kaMuzi.‘Ingathi yingcongconi le ibhubhuzela endlebeni yam. Ndifuna ayeke!’
Kodwa akukho mntu ude ayeke ukuziqhelisa ukudlala.Abantwana bayaqhubeka bayaziqhelisa iveki yonke.
39
Ndifunaayeke
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 39
40
Ekugqibeleni ide yafika imini enkulu. Bonke abantwana bahle balungeleukudlala. Abaphulaphuli balindile bangxamile. Azi ukuba ngxolo ni abazakuyimamela ngoku?
Iqela lomculo liqala ukudlala. URavi udlala ifleyiti yakhe. UFikile udlala ifidyoliyakhe. UMara noKarabo babetha amagubu abo. UAaron udlala imarimba yakhe.UPamela ukhalisa ixilongo lakhe ze yena uMuzi abethe isiginkci sakhe.
Abaphulaphuli bamamele bamangalisiwe. Iqela litsho ngomyoli umculo!Kuyintswahla, yimilozi, kuyaqhwatywa kuyakhwazwa ngabaphulaphuli.
‘Phindani! Qhubekani! Singanimamela imini nobusuku! Asifuni niyeke!’
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 40
41
EMVA KOKUFUNDAIMIBUZOVavanya ulwazi. Buza:
• Umama kaRavi wayecinga ukuba ikhala njengantoni ifleyiti?
Njengentaka enomqala obuhlungu.
• Ucinga ukuba ubhuti kaMara wayethukuthezelwa yintoni?
Wayezama ukubukela umabonakude kodwa amagubu ayengxola emphazamisa.
• Utata ka-Aaron yena, wayethukuthezelwa yintoni?
Wayezama ukufunda iphepha kodwa imarimba eyayidlala yayimphazamisa.
• Sesiphi isixhobo somculo esasidinga umbane ukuze sisebenze?
Sisiginkci sikaMuzi – siye siqhagamshelwe kwisixhobo sokwandisa isandi esisebenza ngombane.
• Yintoni eyayibangela abaphulaphuli bangafuni iqela lomculo liyeke ekugqibeleni?
Lathi lakudlala kunye bedibene iqela, latsho ngomculo omnandi ngokumangalisayo.
Vavanya ukulonwabela. Buza:
• Ulithandile na ibali? Yintoni oyithandileyo, yintoni ongayithandanga ngalo?
Vumela abafundi abambalwa babalise ngezimvo zabo.
• Ingaba wakhe wamamela umdlali eziqhelisa ukudlala isixhobo? Sasingxola ngathi yintoni?
Vumela abafundi babalise ngezimvo zabo.
• Ngubani okwaziyo ukudlala isixhobo ? Ngubani ongathanda ukufunda ukudlala? Esiphi isixhobo?
Vumela abafundi babalise ngezimvo zabo nemvakalelo yabo.
IMISEBENZIUkufunda okubonwayo, ukumamela nokuthetha
• Balisa ibali usebenzisa imifanekiso kuphela. Buza ukuba umdlali ngamnye uziqhelisa phi na ukudlala (uRavi-egumbinilokuphekela, uFikile-egadini, uMara noKarabo-egumbini lokuphumla, uAaron-everandeni, uPamela-egumbini lokulala,uMuzi-egaraji).
• Tsalela ingqalelo yabafundi kulo mfanekiso wengcinga esengqondweni kwiphepha ngalinye. Chaza ukubaumfanekiso ubonakalisa iingcinga ezisengqondweni yomntu.
• Thelekisa iinowuthi zomculo kwimifanekiso kumaphepha ama-34–39 neenowuthi kumfanekiso kwiphepha lama-40.Yintoni umahluko? Usixelela ntoni lo mahluko?
Ezi nowuthi zibhalwe kekeleyo zinezigingqi, kumaphepha ama-34–39, zichaza umculo ongemnandanga; ze iinowuthiezicikiziweyo ezithe ngqo, kwiphepha lama-40 zona zichaze ubumnandi nomculo omyoli.
Ukufunda kunye nezandi
• Bonisa umphandle wencwadi walathe igama lebali u“Mamela” (iphepha lama-33). Yalela abafundi baqingqe igamau-(ma-me-la) libe ngamalungu. Funda igama kunye nabafundi.
• Lungisa la magama abhalwe kumacwecwana: mamela ayeke ndi- funaYalela abafundi baziqhelanise nala magamamatsha ngokuwafunda yonke imihla,bewasebenzisa nokwakha izivakalisizomlomo.
• Chaza ukuba isimaphambili u-‘ndi-’sisoloko sihlonyelwa kwelinye igama. Bhalauludwe lwamagama ayimizekelo ebhodini,umzekelo: ndi + funa = ndifuna (ndibala,ndilala, ndilila, ndizoba, ndisika, ndicula,ndibaleka, ndimamela, njl. njl.).
ndi funandibalandi lalandi l i landizobandisikandiculandibalekandimamela
funabalalalal i lazobasikaculabalekamamela
ndi + =
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 41
Incwadi enkulu 2
ISBN: 978-1-920488-21-5
INCWADI ENKULU 11. Bala2. Hayi3. Vula vala4. Coca
INCWADI ENKULU 25. Baleka6. Lala7. Zoba usike8. Mamela
INCWADI ENKULU 39. Jika10. Umnikelo11. Utata usele nosana12. Sebeza
INCWADI ENKULU 413. Lelikabani eli vili?14. Ekhaya15. Uhambo16. Yophukile ifestile
INCWADI ENKULU 517. Ncedani!18. Uphi uZinzi?19. Sidlala undize20. Sityiwe isonka
INCWADI ENKULU 621. Izinyo22. Evenkileni yempahla23. Umnqathe omkhulukazi24. Ibali lobugqi
INCWADI ENKULU 725. Gcinela ingomso26. Isuphu yelitye27. Idabi lomoya nelanga28. Umvundla nofudo
INCWADI ENKULU 829. Ingonyama nempuku30. Ukubhaka nomakhulu31. Edolophini32. UMzantsi Afrika ngowethu
Ibali ngalinye liqhagamshelana nencwadana yebanga egama lifanayo.Imizekeliso emibala emihle nezicatshulwa ezonwabisayo ziyasebenzisana
ukukhuthaza abantwana ukuthanda ukumamela amabali nokufunda. Iingxoxoezijikeleze imizekeliso zivelisa zikhulise ubuchule bokufunda nokubhala
beembono zabantwana zikhuthaze kananjalo ukuzithemba ekusebenziseniisigama esithethwayo ngendlela ecacileyo nephuhlileyo. Imibuzo eseleisezingqondweni nevulelekileyo entsingiselo isebalini, ikhulisa ubuchule
bokucinga ngendlela ekhwencayo nenesiphiwo sokuyila.
ISIXHOSA
I-Vula Bula yinkqubo yobuchule bokufunda nokubhala nengundoqo eveliswe yashicilelwa ngabakwa-Molteno Institute for Language and Literacy.
I-Vula Bula iyinkqubo eyodwa kuba iveliswe kwisiseko solwimi ngalunye kwiilwimi zeemvelozoMzantsi Afrika. Inkqubo iyilwe ngononophelo, ivumelana ingqinelana kananjalo nokukhula
kolwimi endalweni kwakunye neemfuneko ezingundoqo zobuchule bokufunda nokubhala ulwimi.
UMGANGATHO woku-1
Big Book 2 ISIXHOSA_Layout 1 2016/02/09 9:45 AM Page 42